Xhosa Hymn

Uyesu wandifuna

Yes’ uMsindisi wez’ eBethlehem;
Wazalelw’ emkhombeni ngosizi;
O! malibongwe iGama laKhe, Wayefuna mna.
Wayefuna mna . Wayefuna mna .
O! malibongwe iGama lakhe, Wayefuna mna.

Wahlaul’ ityala emnqamlezweni,
’Kuze ndikhululwe esonweni;
O! isimanga, weva kanjani? Wayefela mna.
Wayefela mna . Wayefela mna .
O! isimanga, weva kanjani? Wayefela mna.

Lo Yesu wayekho kwamandulo,
Wandifuna ndikude nekhaya;
Ngokuzola wandicenga-cenga, Endibiza mna.
Endibiza mna . Endibiza mna .
Ngokuzola wandicenga-cenga, Endibiza mna.

U-Yes’ uMsindisi uyabuya,
Liding’ elihle kwabaKholwayo;
Ndombona ndivuye xa esiza, Ezok’ thatha mna.
Ezothatha mna . Ezothatha mna .
Ndombona ndivuye xa esiza, Ezok’ thatha mna.