Xhosa Hymn

Hlala nami! Litshonil’ ilanga


1. Hlala nami! Litshonil’ ilanga,
Ubusuku bufikile, nKosi,
Ma ndingasali ndingenamcedi;
Ndenzel’ uncedo ngokuhlala nam.


2. Buya khaw’leza obu bomi bam,
Ndiya siywa zezomhlab’ izinto;
Ndibona iinguquleko zodwa,
Wen’ ongaguqukiyo:Hlala nam.


3. Yiba soloko ukufuphi nam,
Undigxothele zonk’ iintsaba zam;
NguWe nKosi onokundigcina,
Phakathi kwentsunguzi:Hlala nam.


4. Andinakuxhala kukho Wena
Iintlungu neentsizi azinani;
Luphi uloyiso lwakho nchwaba?
Ndiya koyisa xa Uhleli nam.


5. Zibonakalis’ emehlweni am,
Uz’undikhombise okwezulu;
Ndikhanyisele yonk’ indlela yam,
Nasekufeni kwam Uz’ube nam. Amen

 


Mthandi Womphefumlo wam


1. Mthandi womphefumlo wam,
Ma undikhusele nam,
Zakufik’ iinzingo zam,
Nokuthanda-buza kwam,
Ndifihle mkhululi wam
De zidlul’ iingozi zam,
Khokel’ umphefumlo wam,
Undamkele nkosi yam.


2. Andinanqaba yimbi
Endingatshona kuyo,
Andinathemba limbi
Endingalibambayo.
Ebuthathakeni bam
Ma undithuthuzele,
Yikhusel’ intloko yam
Ngephiko lobubele.


3. Ndifuna wena, kristu,
Ndiya kwanela nguWe,
Onceda owileyo,
Nalow’ongaboniyo.
Lingcwel’ igama lakho
Indim oncholileyo,
Ndizele yinkohliso,
NguWe oyinyaniso.


4. Ikuwe yonk inceba,
Yokuselel ‘ isoono,
Umthomb’ ophilisayo
Ma undihlambulule.
Nguwe lo mThombo wobom,
Ma ndikholiswe nguwe,
Mpompoz’ entliz’yweni yam,
Ndinyuselw’ ezulwini. Amen

 


Uyesu wandifuna


Yes’ uMsindisi wez’ eBethlehem;
Wazalelw’ emkhombeni ngosizi;
O! malibongwe iGama laKhe, Wayefuna mna.
Wayefuna mna . Wayefuna mna .
O! malibongwe iGama lakhe, Wayefuna mna.


Wahlaul’ ityala emnqamlezweni,
’Kuze ndikhululwe esonweni;
O! isimanga, weva kanjani? Wayefela mna.
Wayefela mna . Wayefela mna .
O! isimanga, weva kanjani? Wayefela mna.


Lo Yesu wayekho kwamandulo,
Wandifuna ndikude nekhaya;
Ngokuzola wandicenga-cenga, Endibiza mna.
Endibiza mna . Endibiza mna .
Ngokuzola wandicenga-cenga, Endibiza mna.


U-Yes’ uMsindisi uyabuya,
Liding’ elihle kwabaKholwayo;
Ndombona ndivuye xa esiza, Ezok’ thatha mna.
Ezothatha mna . Ezothatha mna .
Ndombona ndivuye xa esiza, Ezok’ thatha mna.